Kucholwe usana luphila kwirenki yeeteksi!

Lo ngumfanekiso kaBonolo May oneenyanga ezine, nokugcino kwisibhedlele saseMount Fletcher emva kokucholwa kwakhe. UMFANEKISO: Kapteni Raphael Motloung

 

Kubhaqwe usana oluyintombazana noluseneenyanga ezine luzelwe lusaphila kwindawo yokulahla inkunkuma kwirenki yezithuthi kwidolophu yaseMount Flecher. 


Isithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Raphael Motloung, uthi olu sana lubhaqwe ngumntu obephuma evenkileni emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoLwesibini kule veki..

 

“Usana olu lubhaqwe luzidlalela ngezandla zalo lungenalo nephepha laseklinikhi elimchazayo ukuba ngubani na igama lakhe kwaye ungowaphi,” utshilo uMotloung

 

UMotloung uthi, emva kokuba lithe lafunyanwa kwimeko yokungabina zinkcukacha, usana luye lathathwa layokugcinwa kwisibhedlele nalapho amanaesi afike alipha igama kwakunye nefani elinguBonolo May.

 

Sithetha nje uBonolo uphantsi kogcino olukhuselekileyo esibhedlele. Amapolisa akwabongoza kuluntu ukuba nobani na onolwazi ngabazali bakaBonolo azise amapolisa akufutshane naye.