Kucocwa amanzi wolwandle eKapa!

KAPA: Sibhenele kumanzi olwandle isiXeko seKapa ngenxa yembalela egqubayo kwiphondo leNtshona Koloni.

Sele iqalile inkampani eyenza lo msebenzi wokucocwa kwamanzi olwandle ukufaka imibhobho ngaphakathi enzonzobileni yolwandle nezakuphumela ngaphandle aye kwindawo azakucocwa kuyo alungiselelwe ukusetyenziswa emakhaya.

Ophethe le projekthi kulwandle iMonwabisi eKhayelitsha, uJJ Swanepoel uthi “ukuba sisebenze ngaphandle kophazamiseko kufanele ukuba kwinyanga yoKwindla sibe sesiqalisa ukwakha indawo azakube ecocwa kuyo amanzi kuba okwangoku sesiyifakile imibhobho elwandle, sizakugqibezela ukuyifaka apha ngaphandle izokufika apho azakucocwa khona. 

Umgama osuka apho iqala khona le mibhobho ukuza kutsho apho sikhoyo ngoku,  enyeleni yamanzi, ngamakhulu amane eekhilomitha, kwaye kushiyeke malunga namakhulu amathathu sigqibe ngemibhobho”.

Ilungu lekomiti kasodolophu uAnda Ntsodo ubetyelele eMonwabisi eyokujonga umgama osele uhanjiwe nalapho aye wanendibano noonondaba malunga nale projekthi.
UNtsodo uxelele I’solezwe ukuba akuzokulindwa de kufike usuku lokugqibela lokuphela kwamanzi emadameni, koko ukugqitywa kwayo le projekthi yakhupha amanzi acocekileyo azakuqalisa ukuthunyelwa  emakhayeni asetyenziswe. 

Uthi amanzi asuka elwandle kulindeleke ukuba aqalise ukusiwa ezindlwini ekupheleni kukaCanzibe. 

Le projekthi kulindeleke ukuba impompe iilitha zamanzi azizigidi ezisixhenxe ngosuku, sisabongoza ke kubahlali ukuba baqhube nokusebenzisa amanzi kancinci ukulungiselela ukuba amadama angomi kungekagqitywa ngale projekthi”.

UNtsodo uthi nokuba kungenzeka ummangaliso wokuba ine imvula izalise amadama,  ayinakuyekwa phakathi le projekthi koko awazokuthunyelwa ezindlwini amanzi. 

Uthi “kudala yabakhona kumanye amazwe le projekthi, nesiXeko seKapa sibonile ukuba iyimfuneko ngoku. Kungako sithathe kwingxowa-mali yaso ukuba yenziwe nangona imali ifanele ukuba isuka kurhulumente kazwelonke. Kuzakwenziwa indlela ke yokuba isebe lamanzi nogutyulo kuzwelonke liyibuyise le mali, kuba ibizakusetyenziswa kwezinye izinto”.

Le projekthi ibifanele ukuba iqale kwakunyaka ophelileyo kodwa ngenxa yokuba abahlali baseKhayelitsha bayimisa besithi bazakuxhamla njani bona yaye yalibaziseka, logama yaqala ngaphandle kwamagingxi-gingxi kulwandle iStrandfontein. 

Kusalindeleke ukuba iye nakulwandle iStrand. 

Inenekazi elisebenza njengomnxibelelanisi phakathi kwabahlali neprojekthi yaseMonwabisi, uNtombi Madlala, uthi basebenza kakuhle ngokuba abahlali bacaciselwa  kwaye bafakwa nasemisebenzini efana nokugada kwanokuncedisana nenjineli. 

Nangona esithi yena akayiqondi kakuhle le nto yokuselwa kwamanzi aselwandle. “Mna ndiyaqala ukuyiva apha ebomini bam, ndiloyiko lokuba amanzi la aselwandle siwasebenzisa ekucoceni izisu”. Uthi unexhala lokuba ityuwa yaselwandle ingangasuki yonke kula manzi.