‘Kudala ndafuna ukuba nguGqirha’

USibulele Natuse ongomnye wabafundi abaphumelele emagqabini uGrade 12 nofundela ezonyango kwiYunivesithi yaseKapa. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Omnye wabafundi abagqwesileyo kuGrade 12 ku2022, uSibulele Natuse, ngoku sele esondele ekufezekiseni iphupha lakhe lokubangugqirha. Lo mfundi obefunda eLumko eDuncan Village, uphumelele ngeedistinction ezisixhenxe. Okwangoku ungumfundi wezoNyango kwiYunivesithi yaseKapa.

UNatuse uthi ukubangugqirha ibisoloko iyinjongo yakhe. “Kudala ndafuna ukubangugqirha ukusukela kwibanga lokuqala. Ndifuna ukunceda uluntu, abantu bam.

“Ndikholelwa ukuba ndineempawu ezifana novelwano, ukumamela kunye nezakhono zokusombulula iingxaki, njalo njalo. Kananjalo, andizukuba ngumfundi ophumelele isidanga ongaphangeliyo njengoko kukho imfuneko yoogqirha kweli lizwe,” utshilo uNatuse.

Lo gqirha wexesha elizayo uchaze ixesha lakhe kwisikolo samabanga aphakamileyo njengelona linzima ebomini bakhe. Umthwalo womsebenzi uthi ngomnye wemingeni ebenayo kuGrade 12, kodwa kwafuneka eze neendlela ezahlukeneyo zokuhlangabezana nale ngxaki.

“Xa iimviwo bezisondela, bendiye ndivale zonke iiakhawunti zam zonxibelelwano kuba unxibelelwano sesinye sezizathu ezibangela ukuba uninzi lwabafundi bazibekel’ amangomso,” utshilo.

Uthi impumelelo yakhe ikootitshala, usapho, abahlobo kunye neenkqubo zemfundo ezifana noJENN kunye ne-EMSS. Kwixesha elizayo uzibona eqhuba eyakhe indawo yonyango.

Ukhuthaza abafundi bebanga leshumi baka2023 ukuba benze iinzame ezingakumbi. “Sebenza ngokuzimisela namhlanje, uza kufumana ezona ziphumo zintle ngomso. Kholelwa ukuba uyakwazi. Khumbula ukuba kungcono ukujolisa phezulu uphose kunokujolisa phantsi ubambe,” ucebise watsho.