Kudlwengulwe inkosikazi, indoda ibotshelelwe

Amapolisa aseBhayi aphanda ngetyala lokudlwengula kwakunye nokuphanga indlu eMotherwell eBhayi.

Isithethi samapolisa uConstable Mncedi Mbombo uthi, indoda enama-45 kwakunye nentokazi yayo enama-22 ubudala bebezihlelele emotweni ekuseni ngoMvulo ngethuba kusithi gqi amadoda amathathu exhobe ngeemela nabafike banyanzelisa ukuba baye ehlathini.

Abarhanelwa baqale ngokubophelela le ndoda izandla kwakunye neenyawo bakugqiba badlwengula lo wasetyhini. UMbombo uthi, bakugqiba abarhanelwa babaleke neefowuni zala maxhoba kwakunye namakhadi abo ebhanki.

Ngethuba besenza oku baye baphazamiswa yimoto egada imfuyo kwela hlathi, babaleka.