Kudlwengulwe intwazana ngumalume!

intwazana eneminyaka emithandathu ithe yadlwengulwa ngumalume wayo oneminyaka engamashumi amabini anesine ubudala.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, ithi le ntwazana idlwengulwe ngentsimbi yesithathu emva kwemini kwilali yakuZangwa eGcuwa.

Idlwengulwa ngosuku lokugqibela kwinyanga esisuka kuyo yeKhala.

UManatha uthi akukacaci ekubeni ixhoba lidlwengulelwe kwikhaya lalo okanye kwelomrhanelwa kusinina.

Emva kokuba amapolisa exelelwe ngesi sihelegu senziwe ngumalume emntwaneni, atsibe kwangoko ukusabela wabanjwa umalume.

INkumanda yamaPolisa kwisikhululo saseGcuwa uBrigadier Ngangema Xakavu, usikhalimele esi sehlo sokudlwengulwa komntwana.

“Umalume bekufanele ukuba ngoyena ukhusela umtshana wakhe, hayi ukuba azithathele ngolunya amxhaphaze.”

Ukwaqhwabele izandla amapolisa athe akhawuleza abamba umrhanelwa.

Umrhanelwa uvelile phambi kwenkundla yamatyala eGcuwa ngoLwesibini kwiveki ephelileyo, usashiyeke ngaphakathi eziseleni nalapho kulindeleke ukuba aphinde avele kwakhona kungekudala.

Umrhanelwa ujongene netyala lokudlwengula.