Kudlwengulwe ixhegwazana eGcuwa

ixhegwazana elinamashumi asixhenxe anesixhenxe eminyaka ubudala lithe ladlwengulwa ngokungenalusini kanye kule nyanga yamanina, lidlwengulwa ligatyana elinamashumi amabini anesihlanu eminyaka ubudala.

Esi siganeko sokudlwengulwa kwexhegwazana senzeke kwilali yaseThongwana eGcuwa ngomhla wesibhozo kule nyanga.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, idiza ukuba ixhegwazana eli lihlaselwe ebusuku lilele emzini walo. UManatha uthi umrhanelwa kukrokreleka ukuba ukhabe ucango wangena, wafika ixhoba likobude ubuthongo wabe sele engena kulo, bajijisana kuba efuna ukuzithathela ngolunya laze loyisakala ixhoba walidlwengula.

Umrhanelwa uvelile ngoMvulo kwinkundla yamatyala eGcuwa, nalapho ityala lakhe liye lamiselwa uMvulo weveki ezayo.

Umrhanelwa ushiyeke ngaphakathi eziseleni. Inkumanda yamapolisa aseGcuwa uBrigadier Ngangema Xakavu, usikhalimele esi siganeko sokudlwengulwa komntu omdala ongakwazi ukuzilwela kwanesokuxhatshazwa kwamanina ingakumbi ngenyanga ejongene nawo.

UXakavu ukwaqhwabele izandla nabaphandi betyala ngokukhawuleza kubanjwe orhanelekayo kwesi sehlo.