Kudlwengulwe ixhegwazana kwityotyombe lalo

Ishiyeke ngaphakathi eziseleni kuCentane indoda enamashumi amathathu anesithandathu, evingcele ixhegwazana elinamashumi asixhenxe anesibhozo etyotyombeni lalo.

Ngokwengxelo ephuma emapoliseni, umrhanelwa ukhabe ucango lwetyotyombe lexhegwazana watsho phakathi, wafika sele enyanzelisa ukuba limnike imali yendodla labe lixhobe ngemela.

Oku kwenzeke ezinzulwini zobusuku ngoLwesithathu kwilali yaseMangweni eThuthurha.

UKapteni Jackson Manatha udiza ukuba ixhegwazana lithe alinayo imali, umrhanelwa waqalisa ukulihlaba kumzimba ongentla ngemela leyo ebexhobe ngayo.

Emva koko umrhanelwa uzinyanzele kwixhoba elidlwengula.

UManatha uthi ixhoba lizisindise ngokothula isikhalo phezulu ngeenzame zokubiza abahlali. Abahlali bafikile bezama ukuvingcela umrhanelwa nothe wazilwela ngemela wabaleka.

Emva kweentsuku kwenzeke esi sehlo sexhegwazana, umrhanelwa ubanjwe kumatyotyombe akwaYako eGcuwa ngamapolisa ala mmandla emva kophando.

Umrhanelwa ulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yamatyala kuCentane.

Kusenjalo, kubulewe inkosikazi enamashumi amathathu anesithandathu egama layo linguNomgcobo Mpithi, ebulawa ngumfana onamashumi amathathu ananye kwikhaya lakhe kwindawo yaseMthwaku, eNgqamakhwe ngempelaveki.

Ingxelo ephuma kuManatha ithi, umrhanelwa uthe akugqiba ukwenza la masikizi okubulala le nkosikazi, waya kwikhaya lendoda encuma nale nkosikazi wafika eyixelela ukuba uyibulele intokazi yakhe kwakunye nomntwana wabo.

Inkosikazi kwafikwa ngenene ibhubhile inamanxeba emela kumzimba ongentla kodwa yena umntwana ephila engenawo nomkrwelo. Umrhanelwa ubanjiwe kwaye ubekwe ityala lokubulala.

INkumanda kwiKlasta yaseGcuwa, uBrigadier Ngangema Xakavu, usikhalimele kabukhali esi senzo sokubulawa kwale nkosikazi. Ukwancome namapolisa ngomsebenzi wawo okhawulezileyo ekubambeni umtyholwa.