Kudlwengulwe ixhegwazana, lathathelwa imali yendodla

Abahlali belali yakuLower Sifumba eXhorha, bathi iyabacaphukisa into yokungabanjwa komntu abarhanela ukuba nguye owenze isikizi lokudlwengula ixhegwazana lale lali emva koko walithathela imali yalo yenkam-nkam.

Oku kuza emva kokuba ixhegwazana elinamashumi asixhenxe anesihlanu (75) lelali yakuLower Sifumba nelihlala lodwa emzini walo lithe ladlwengulwa.

Isihlobo sexhoba sibalisele I’solezwe ukuba, umfana obehlasele umakhulu wakhe, ngokokubalisa kukamakhulu, ufike emva kwentsimbi yokuqala ezinzulwini zobusuku ngoLwesithathu weveki ephelileyo, waqhekeza ifesitile wangena ngayo, emva koko wabe sele ecima isibane nanjengoko ixhoba lilala lilayitile.

“Umrhanelwa emva kokucima isibane kuba engafuni ukubonwa lixhoba, ungqale ngqo ebhedini wakrwitsha umakhulu ukuze angavakali xa ekhala, wabe ezenzela ngenkani nakumhlaba ongezantsi kumakhulu. Emva kokuba egqibile ufune imali ngenkani yenkam-nkam, wayithatha yonke waze waphuma wabaleka. Ushiye ixhoba likwiintlungu linjalo zokukrwitshwa nezokudlwengulwa,” sitshilo isihlobo sexhoba.

Inkokeli yabahlali eLower Sifumba, uLothani Fikizolo, uthi ilali yabo isezeziya iilali, imizi iqelelene apho ungenakuze uve naxa ixhewukazi likhala xa lisengxakini.

“Kungoko sisoloko sibongoza iintsapho ekubeni ziyeke ukushiya oonina bodwa, mazibaqeshele okanye zishiye abantwana, ixhegwazana lingabi lodwa. Iziganeko ezinje zinganqandeka okanye lingehla izinga lokudlwengulwa kwabantu abadala kulo mmandla kuba ayisosiganeko sokuqala esi sokudlwengulwa komntu omdala,” utshilo uFikizolo.

Ityala lokudlwengula livuliwe kwisikhululo samapolisa eMqanduli, nanjengoko bebika khona izehlo zolwaphulo-mthetho abahlali bale ndawo.

UFikizolo uthi nangona nje umrhanelwa bemkrokrela bengabahlali, kodwa akakabanjwa, usaphithizela elalini.