Bayavutha ngumsindo abahlali baseMarikana eKapa kulandela ukudlwengulwa kwentwazana eneminyaka elishumi elinanye ubudala ngamakhwenkwe amathathu.
Umama wale ntwazana uxelele I’solezwe ukuba intombi yakhe ibisuka kuzilolonga apho bafundiswa khona ukuxhentsa.
“Bekusemalanga ngethuba kusenzeka le nto ngethuba intombi yam ihamba netshomi yayo bathi baye badibana nabafana abahlanu abaye babatsalela kwelinye ityotyombe, kodwa itshomi le iye yakwazi ukubaleka iyokuxelela abantu abadala abakufutshane nala ndawo yesehlo.”
Uqhube wathi nangona aba bafana bebanjiwe kodwa uyayazi ukuba baza kuhlala ixesha elincinane bakhutshwe ngenxa yeminyaka yabo.
“Kuba ke iminyaka yabo iphakathi kweshumi elinesibhozo leminyaka, siyayazi ukuba baza kukhutshwa, iyafuna ukujongisiswa lo nto kuba owam umntwana bambulele kodwa kubo kuza kuthiwa iminyaka ayibavumeli ukuba bavalelwe.”
Uqhube wathi intombi yakhe ayikwazi nokuhlala okanye ukuhamba kakuhle ngenxa yesi senzo.
“Le ndawo sihlala kuyo ibolile kwaye bendisazi ukuba xa ndimvumela azibandakanye neqela apho aza kufunda khona ukuxhentsa kuza kumenza asinde kwezi zinto zimbi zehla kule ndawo, khange ndiyazi ukuba aba sathana bezingcoli zabafana ziza kumdlwengula, ” utshilo lo mama.
Watsho esithi kunzima nokuba aye esikolweni umntwana kuba uyaqaqanjelwa.
“Ndicela uThixo andincede ndikwazi ukunceda umntwana wam kweli xesha lobunzima kuba akasoze aphinde afane nakuqala, umthetho mawudlale indima yawo, aba bantwana mabahlale eluvalelweni kuba xa bekwazi ukwenza izinto zabantu abadala, ithi lo nto bakulungele ukuhlala eluvalelweni,” utshilo.
UAnathi Kana nongumsunguli weqela iLikuwe Ithembalethu nekuliqela lentwazana edlwengulwe isuka kulo, uthe esi senzo simothuse kakhulu. “Ngethuba ndiqala eli qela umbono wam yayikukususa abantwana balapha ezitratweni kuba ndisithi ndiyabakhusela ekubeni ngamamxhoba okudlwengulwa, ukuthengisiswa iziyobisi kunye nezinye izinto,” utshilo uKana.
Uqhube wathi ngethuba exelelwa le nto uye waziva ingathi uyaphupha. “Siyaxolisa kuba ke asiyazi ukuba aba bafana bebengenwe yintoni ukucinga ubusathana obunje ngobu.” Isithethi samaPolisa aseKapa uSergeant Noloyiso Rwexana, uthe ityala lokudlwengula livuliwe kwaye liyaphandwa ngabacuphi baseNyanga.
“Iingxelo zithi intwazana le ibisendleleni egodukayo ngethuba itsalelwa kwityotyombe ethe yadlwengulelwa kulo ngabafana abathathu. Uphando luyaqhuba kwaye bekungekabanjwa mntu.”
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo