Kuduka amanenekazi eVostile

Kapa: Emva kweengxelo zokuduka kwamanenekazi aliqela kwilokishi iZwelethemba, eVostile, abazali nezalamane zawo bayekubika emapoliseni, nalapho kuye kwenziwa uphando olukhokelele ekubanjweni komrhanelwa ongummi welizwe laseZimbabwe.

Umfana okubudala obukumashumi amathathu anesithathu, wabanjwa ngezityholo zokuxhwila inenekazi elinye.

Lo mfana waziwa ngelika ‘Brian’ ochazwa ngokuba ukweli lizwe ngokungekho mthethweni waye wakhululwa emva kweveki eseluvalelweni.

Othethela amapolisa eNtshona Koloni uSajini Noloyiso Rwexana uthi, “ngomhla we-2 kweyoMsintsi kulo nyaka kwavulwa ityala lenenekazi elilahlekileyo kwisikhululo samapolisa eVostile.

UNaomi Gwengwe oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, ongekafumaneki nanamhla oku, emva kophando kwabanjwa ummi waseZimbabwe oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ngezityholo zokuxhwila, ze wavela enkundleni nalapho waye wakhululwa”.

Nangona amapolisa enolwazi lwenenekazi elinye, kodwa uceba kwa Ward 16 uMoses Mangali uthi ngamanenekazi amathandathu ubuncinane athe alahleke ngohlobo olunye, elotywa nguBrian phantsi kweqhinga lokuwafunela umsebenzi.

UMangali uthi omnye kula manenekazi kuquka uNyasha olahleke kunyaka ophelileyo, de kube ngoku awukaveli umkhondo wakhe.

Uthi “ukukhululwa kukaBrian akuthethi ukuba akanatyala koko icandelo lotshutshiso lithi la manenekazi onke akaxhwilwanga koko avumile ukuhamba noBrian, nangona kunjalo kuzakuqhutywa uphando ukufikelela ezingcanjini zezityholo.”

Amapolisa athi asaqhuba uphando kwaye azakusebenzisana neentsapho ezizayo ngaphambili nolwazi olungakhokelela ekubanjweni kutshutshiswe umenzi wezi ziganeko.

UBrian ukhe wayindumasi kweli Kapa etyholwa ngokuxhwila amanenekazi ngeenjongo zokuwafunela imisebenzi, ingxelo zazisithi uwasa kumazwe angaphandle ashishine ngamalungu emizimba yawo.