Kuduke abatshana, wabanjwa umalume!

Ngethuba amapolisa aseTsomo kwakunye neCofimvaba bekhangela umakhulu kwakunye nabazukulwana bakhe ababini nekukrokrelwa ukuba baxhwilwe lilungu losapho umfanekiso: Uthunyelwe

Emva kokuba indoda enamashumi amane ubudala yelali yaseLower Tsojana, eTsomo, ibone kuphuma ivantyi yamapolisa kwikhaya layo, kuvele kwasa kunyamalele amalungu osapho amathathu ngoMvulo aquka nexhegwazana elinamashumi asixhenxe ananye ubudala, abazukulwana ababini balo, intwazana eneshumi elinesithandathu kwakunye neneshumi elinesixhenxe ubudala.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Namhla Mdleleni ithi konke oku kulandela emva kokuba le ndoda nengumalume wezi ntwazana zidukileyo ityholwa ngokuba ibimane itshintshisa idlwengula aba batshana bakhe de wabe omnye uyakhulelwa.

Abatshana isono sabo kuze babe bayaduka baye bavula ityala lokudlwengulwa kwabo ngumalume emapoliseni.

Umalume kulapho aye wabona khona ivantyi ngethuba abecuphi beyokwenza uphando lwabo malunga neli tyala belivulwe ngabatshana ngokwabo.

Ingxelo iqhuba ithi emva kokumka kwevantyi, umalume uchwechwile wangena endlini nalapho afike wangcambazisa wonke umntu obengaphakathi ebuza ukuba amapolisa ebezokwenzani.

La malungu ibekukugqityelwa kwawo ukubonwa. Sithetha nje umalume uye wabanjwa, useluvalelweni lwamapolisa eTsomo malunga nokunyamalala kosapho kwaye kuvulwe netyala lokuxhwila.

Amapolisa kwakunye nabahlali baseTsojana basaqhubekeka nokukhangela. Kuyabongozwa onokuba nolwazi mayela noku atsalele ku-0860010111.