Kuduke isigulana kwisibhedlele saseFrere

Amapolisa aseMonti aphanda ityala lokulahleka komntu, emva kokuduka kwendoda esisigulana kwimizuzu embalwa ifikile kwisibhedlele saseMonti iFrere.

Ngokwengxelo ephuma kumapolisa, le ndoda egama linguGeorge Mgezana enamashumi asixhenxe anesithathu (73) ubudala iphuma kwidolophu yaseSterkspruit.

Isithethi samapolisa eMonti uKapteni Nkosikho Mzuku, udize ukuba uMgezana ebethunyelelwe kwisibhedlele iFrere ngomhla wesibhozo kwinyanga ephelileyo eyoKwindla.

Uthi akuba ebhalisile uMgezana kwimizuzwana embalwa efikile kwesi sibhedlele waphela enyanyeni, akaziwa mntu ukuba utshonephi.

UMzuku uthi ityala lokulahleka komntu lafakwa kwangoko sisibhedlele emapoliseni. Amapolisa azenza iinzame zokukhangela uMgezana kodwa abuya nelize kude kube ngoku.

Amapolisa abongoza kuluntu ekubeni ancedisane nalo ekukhangelisweni uMgezana.