Kuduke umfundi esiya esikolweni eGcuwa!

 

Sele ilusuku lwesixhenxe namhlanje ingaziwa apho ikhoyo intwazana eneshumi elinesithoba (19) leminyaka ubudala yelali yakuNgobozi eGcuwa. 


Le ntwazana egama linguNandipha Mtuzula, ngumfundi webanga leshumi kwisikolo samabanga aphakamileyo iCunningham kwilali yaseTholeni eGcuwa.


Usapho lwexhoba kwakunye nabahlali  banxunguphele kukuduka kukaNandipha.

 

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa kwakunye neziphaluka uKapteni Jackson Manatha ithi, uMtuzula ugqityelwe ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu- kwiveki ephelileyo, kusasa ngentsimbi yesibhozo kowabo, ngethuba ephuma esiya esikolweni kwizifundo zangoMgqibelo.

 

“Ngethuba ephuma kowabo ebenxibe iimpahla zesikolo ephethe iincwadi zesikolo njengomntwana obonakala esiya esikolweni. Okubonakalayo kukuba akakhange ade abe uyafika esikolweni ngalo ntsasa,” utshilo uManatha.

 

UManatha uthi amapolisa aphantsi phezulu ekhangela uNandipha ekwabongoza ekubeni noluntu luncedise ngokukhangelisa, kwaye onolwazi atsalele isikhululo esikufutshane naye.