Kudutyulwe abantu abathandathu babhubha konzakala abane kuQumbu

Ngobusuku bayizolo kudutyulwe kwabhubha abantu abagada ucwangco ngeenzame zokulwa ulwaphulo-mthetho ekuhlaleni (abapatroli) abathandathu (6) konzakala abane (4), bedutyulwa kwisikolo iLugongozo Junior Secondary School eTina Falls kuQumbu.

Ngokwengxelo kaWarrant Officer Majola Nkohli, ithi esi sehlo senzeke phambi kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku izolo ngethuba kufika amadoda asibhozo efohlele zizibhamu abe sele edubula kubapatroli. Kungethuba abapatroli aba belungiselela ukuqalisa nomsebenzi wabo wokugada izenzo zolwaphulo-mthetho ekuhlaleni.

OnguMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, usikhalimele kabukhali esi senzo sokubulawa ngokungenalusini kwabantu.

UMene uthi baza kuzama kangangoko ukuqinisekisa ukuba bayabanjwa aba benze oku. Watsho esithi kuyabaxhalabisa oku kuhlaselwa kwanokujongwa ngeliso elibukhali kwabo basebenzisana namaPolisa ukulwa ulwaphulo-mthetho.

UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uvakalise umothuko ngendlela ekuye kusanda ngayo izinga zezenzo zobundlobongela ezibonakalisa ukungabinantliziyo kweli phondo. UNqatha ukwadlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba.

“Ndifuna ukuqinisekisa uluntu lwaseMpuma Koloni ukuba akukho nasinye isenzo sobundlobongela esiza kuphazamisana nezigcwangciso zikarhulumente ezokuphelisa nya ukungathotyelwa kwemithetho kweli phondo,” utshilo uNqatha.

AmaPolisa abongoza nabani na onokubanolwazi ancedisane nawo kuphando kungenjalo atsalele kule nombolo ku-082 301 7762 okanye ku-08600 10111.