Kudutyulwe abaphangi abahlanu eLusikisiki

Amapolisa aseMpuma Koloni adubule abulala abaphangi abahlanu kulandela umlo ovuke phakathi kwababaphangi kwakunye namapolisa kwilali iMbayi eLusikisiki ngoLwesihlanu.

Lo mlo uvele emva kokuba aba barhanelwa bathe baxhomisa ivenkile esetyenziswa njengendawo yokwamkela indodla.

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Mzukisi Fatyela, uthi bebelishumi elinanye abaphangi abathabathe isixa-mali esingachazangwa.

Abarhanelwa abathandathu bayavela enkundleni namhlanje, bejongene namatyala okuphanga kwanokuba nemipu engekho mthethweni.