Kudutyulwe ibanjwa eMthatha

Umzimba webanjwa elidutyilwe eMthatha Umfanekiso: Mabini Mpuhlu

Ngentseni yanamhlanje amapolisa adubule indoda ngethuba ibizama ukuqhwesha kumasango enkundla ephakamileyo yaseMthatha. Umfi lo udutyulwe waze wayowela ngeneno kwesango kanye emva kokoxutha umpu kwelinye lamapolisa akhapha amabanjwa. Ekoxutheni lo mpu kwipolisa, umfi ulihlabe ngebhozo ekusaphandwa ukuba ulifumane phi.

Iqela lamabanjwa libalekele ngaphakathi kwisakhiwo sale nkundla nalapho kuthe kwachithwa ixesha elide kusenziwa ugqogqo ngamapolisa ebexhobe ef’ amacala.

Intloko yezonxibelelwano kumapolisa ephondo uMzukisi Fatyela udize ukuba umfi lo ebejongene namatyala aliqela aquka uphango lweposi yaseLibode nolwakuTsomo – apho kwadutyulwa uWarrant Officer Dukuza.

OkaFatyela uthe: “Ibhozo lakhe lifumanekile kwindawo yenkxwayelo. Ipolisa alihlabileyo lona kuye kwanyanzeleka lileqiswe esibhedlele ukuze lifumane unyango. Namhlanje eli banjwa belizokuvela phambi kwenkundla mayela nela tyala laseLibode, apho kwahlatywa ipolisa. Wongeze wathi, “eyona nto incedisileyo kukuqina kokhuseleko kuba ngebeqhawulise kwaphela ukuba bekukho ikroba.”

Igqwetha ebelikufutshane ngethuba lesehlo lithe, “kuye kwanyanzeleka ukuba kumiswe zonke iinkqubo zenkundla nabasebenzi bakhutshelwe ngaphandle ngethuba kusakhangelwa la mabanjwa ngaphakathi kwesakhiwo senkundla.”

Oziboneleyo ngamehlo uthe, “ndiqinisekile ngezithonga ezisibhozo ezikhale apho, kuba umfi lo naye ebenawo umpu ekubonakalayo ukuba uwoxuthe kwela polisa alihlabileyo. Ndikrokrela ukuba lo mfana uziwele ngenxa yokuphelelwa ngamandla nguthuba ezama ukuphuma kwisango, kuba ebesele edutyuliwe ngethuba ekhangelwa ngaphakathi.”

Wongeze wathi bona babone amapolisa amabini kuphela ngethuba lodutyulwano, nto leyo ithe yaphikwa ngokaFatyela esithi, “beluluqilima ukhuseleko, yiyo le nto ishumi elinesibini liphinde labanjwa!”

Abo babanjiweyo babuyiselwe kugcino lwamapolisa kwizisele zentolongo iWellington.

Ityala linikezelwe kubaphandi bamapolisa abazimeleyo, i-Independent Police Investigative Directorate.