Kudutyulwe intwazana kumlo wezikrelemnqa

Kubhubhe intwazana eneshumi elinesibini ubudala isonzakala noyise wayo ngethuba bedutyulwa kwindlu yakowabo kwindawo edume kakubi ngemilo yemigulukudu kumantla eBhayi eBethelsdorp.

Oku kwenzeke phambi kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngoLwesithathu. Ngokwengxelo yamapolisa ala mmandla olu sapho belulele ngethuba besiva kunkqonkqozwa ngamandla kwicango langaphambili.

Utata womntwana osele elixhoba onamashumi amane anesithathu akakhange avume ukuvula, umrhanelwa kulapho aye wangena ngenkani kumnyango ongasemva wadutyulwa izihlandlo ezithathu ngexesha elinye lo gama yona intwazana le idutyulwe kanye yabhubha kwangoko.

Othethela amapolisa kula mmandla uColonel Prisilla Naidu uthi, unobangela wokudutyulwa kwaba usaphandwa njengoko ungekaziwa, okwangoku akukabanjwa mntu. Amapolisa alivulile ityala lokuzama ukubulala kwanelokubulala.

Amapolisa akukhalimele okukuhlaselwa kwaba bantu ingakumbi okomntwana ongenzanganto.

Bathi bazakuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayabanjwa, kwaye bafakwe ezincwadini.

Uluntu olunakubanolwazi malunga nababrhanelwa bangatsalela uClive Phillips wegqiza lamapolisa elijongene nemigulukudu kula mmandla kwezi nombolo 082 387 6765.