Kudutyulwe kwabulawa abakhwetha abathathu eTsomo

ABAYIKHOLELWA nangoku abantu baseJojweni eTsomo emva kokufunyanwa kwemizimba yabakhwetha abathathu bebhubhile benamanxeba eembumbulu ngoMgqibelo.

Unobangela wesi sehlo awukaziwa, amapolisa ayaqhuba nophando lwawo.

Isithethi kwiSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi eMpuma Koloni, uMamkeli Ngam, uthi esi sehlo sibothuse kakhulu. “Ayiqhelekanga le nto, zange sayiva into yokudutyulwa kwabakhwetha ngolu hlobo. Ithemba lethu likumapolisa nabantu bokuhlala ekubeni kufunyanwe unobangela kubanjwe nomenzi okanye abenzi besi sehlo,” utshilo uNgam.

UNgam uthi kwaba bakhwetha, ababini baneminyaka engamashumi amabini logama omnye eneminyaka elishumi elinesithoba.

ISebe lidlulise amazwi wovelwano kwiintsapho zaba bakhwetha.