Kudutyulwe kwabulawa inkosikazi ihleli nosapho

Kudutyulwe kwabulawa inkosikazi enamashumi amathandathu ananye ubudala (61) yelali yaseNweleni eDutywa ngokuhlwa kwangoLwesibini idutyulwa yindoda engaziwayo.

Le nkosikazi idutyulwe iphakathi kwamalungu ayo osapho amathathu ngethuba belele kwikhaya labo eNweleni.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha ithi, ixhoba eli likhethwe phakathi kwamanye amalungu osapho ladutyulwa lodwa akugqiba umrhanelwa wabaleka engakhange awonzakalise amanye amalungu.

Oku kwenzeke emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngoLwesithathu apho umrhanelwa afike watyhiliza icango wangena ngenkani lulele usapho.

UManatha uthi ixhoba lidutyulwe kumzimba ongentla labhubha kwangoko. Unobangela wokubulawa ngokungenalisini kwexhoba awukaziwa amapolisa aseDutywa ayaphanda.

Igama lexhoba belingekapapashwa koonondaba ngethuba sibhala eli nqaku.

Amapolisa abongoza nabani onokuthi abenolwazi atsalele amapolisa aseDutywa ku: 047 489 1333.

Inkumanda yamapolisa eGcuwa uBrigadiya Trevor Mey usikhalimeme isenzo esilolu hlobo, esithi amapolisa azakwenza konke okusemandleni kuwo ukuqinisekisa ukuba umezni wobubi ujongana nengalo yomthetho.