Amapolisa akhangela abarhanelwa ababini, abadubule babulala ipolisa, eNgqeleni ngoMvulo kule veki.
Ingxelo ekhutshwe ngamaPolisa ithi, phambi kokubetha kwentsimbi yesithathu emva kwemini ngoMvulo, amadoda amabini, nalapho omnye kuwo ubephethe umpu, ahlasele ipolisa kwisitalato iChaplain, eNgqeleni.
Ingxelo iqhuba ithi, eli polisa nelikwinqanaba lokuba yiWarrant Officer, liye ladutyulwa, ze umpu walo womsebenzi webiwa.
Amapolisa acela nabani na oneenkcukacha ezinokukhokelela ekubeni kubanjwe aba barhanelwa, ukuba andwendwele isikhululo samapolisa esikufutshane. Ukanti ezi nkcukacha ungakwazi nokwabelwana ngazo namapolisa ngokusebenzisa inombolo yeCrime Stop ethi 08600 10111.
UMkomishinala wamaPolisa kwiPhondo, uLuitenant General Nomthetheleli Mene, udlulise amazwi ovelwano kusapho lweli polisa.
“Esi sehlo sibonakala njengohlaselo kwigunya laseburhulumenteni. Sifuna ukuqinisekisa uluntu ngokubanzi ukuba siza kwenza ngako konke okusemandleni ethu ukuqinisekisa ukuba abenzi bobubi baziswa ngaphambili. Abaphathi abaphezulu emapoliseni oMzantsi Afrika bakhumbuza amapolisa ukuba ahlale eqaphele ngamaxesha onke, ngoba abophulimthetho banesibindi, kwaye abacingi kabini ukusihlasela,” utshilo uLt Gen Mene.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10