Kudutyulwe kwabulawa unqevu, abanye ababini babanjwa

Kudutyulwe kwabulawa unqevu, abanye ababini babanjwa eNew Brighton, eGqeberha.

Amapolisa adubule abulala umqweqwedisi omnye, afumana umpu ongenampepha-mvume oneembumbulu ze aphinda abamba nabanye abantu ababini ababekhwele kwimoto eyayiqweqwediswe eNew Brighton, eGqeberha ngobusuku bangoMgqibelo.

Kutyholwa ukuba ngoMgqibelo umhla wama28 kweyoMnga 2024 ngecala emva kwentsimbi yesibhozo ebusuku, amadoda amabini awayexhobe ngemipu aqweqwedisa imoto emileyo yohlobo lweOpel Corsa kwisitalato iNtshekisa Road, eNew Brighton.

Ngokwengxelo yamapolisa kaLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, umnikazi wemoto khange enzakaliswe. Kwavulwa ityala lokuqweqwedisa kwaze kwabikwa isithuthi esiqweqwedisiweyo kuzo zonke izixhobo zonxibelelwano zamapolisa.

“Kwangobo busuku bunye, kwiiyure ezimbalwa kamva, malunga ne23:45, amapolisa abona le moto kwisitalato iKwaza Street, eNew Brighton.

“Imoto ebiqweqwedisiwe iye yavalelwa, kwehlika elinye lamapolisa lasondela ngobuchule, kuvakala ukuba omnye kwabathathu bebekhwele kule moto ukhombe eli polisa ngompu, nalapho athe wadutyulwa leli polisa wabhubha,” utshilo uMawisa.

Abanye ababini ababekhwele kule moto babanjiwe. Amapolisa athimbe umpu omnye ongenaphepha-mvume oneembumbulu kwindawo yexhwayelo. Imoto ebiweyo ikwathinjwe ukuze kuphandwe.

Kuvulwe idokethi yophando kwaye iza kuphandwa liCandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo. Ityala lokufunyanwa nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe nelinye ityala elongezelelweyo lokuba nemipu neembumbulu ngaphandle kwephepha-mvume nalo livuliwe ukuze kuqhutyekwe nophando.