Kudutyulwe umama notata phambi kwabantwana

Kusakhangelwa abarhanelwa ababini abadubule babulala umyeni kwakunye nonkosikazi wakhe kwindawo yakuNgxoki kwaDalasile eMalahleni.

Lo tata (53) kwakunye nenkosikazi (48) yakhe badutyulwe kwikhaya labo ngoMgqibelo emva kwentsimbi yesibhozo ngorhatya besazibukelele umabonakude, nabaye babhubha kwangoko.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Namhla Mdleleni, ngethuba bengenelwa endlini bedutyulwa abazali, bekukho nabantwana ababini nabangakhe benziwe nto ngaba barhanelwa.

Ityala lokubulala livuliwe kwaye liphantsi kophando. Okwangoku bekungekabanjwa mntu.

Amapolisa ayabongoza nabani na onokuba nolwazi eze ngaphambili. Okanye atsalele uKapteni Matomane 0733095022 okanye Crime Stop 08600 10111.

Kusenjalo, ixhegokazi elinama79 eminyaka lizelwe libhaqwe sele libhubhile kwindawo iThembelihle kwilali iLuphaphasi eCala.

Ngokwengxelo, abomthetho bafumene umnxeba komnye wabahlali esithi babhaqe umzimba womntu kwindawo yaseNew Rest engekudanga nekhaya lexhoba eLuphaphasi. Ngokwengxelo yamalungu osapho lwexhoba, athi ixhoba lilala lodwa egumbini lalo. Oku kwenzeke ngomhla wesixhenxe kule nyanga kaJuni.

Unobangela wokubulawa kweli xhegokazi awukaziwa kwaye akukabanjwa mntu.