Umbutho olawulayo iANC kumasipala waseBhayi uzikhalimele izenzo zokubulawa kobengumgqatswa walo mbutho kabuhlungu ngobusuku bangoLwesibini.
UNceba Dywili nobengumgqatswa weANC kwaWadi 4 eBhayi udutyulwe ekwilokishi yaseZwide ngethuba esohlisa olivolontiya lalo mbutho emotweni.
Umbutho weANC ukwahlabe ikhwelo eluntwini lokuba ze bahloniphe uDywili ngokuthi bavotele lo mbutho kwiveki ezayo kulonyulo loorhulumente basemakhaya.
Amapolisa alivulile ityala, kwaye ngoku aphanda ngetyala lokubulala.
Othethela iANC kule ngingqi uGift Ngqondi uthe kumothusile ukubulawa kanje kogxa wabo.
UNgqondi naye uhlabe ikhwelo eluntwini kwanakoonondaba ekubeni banike amapolisa ixesha aphande ngeli tyala, kwaye bangahambisi ubuxoki ngonobangela wokubulawa kwakhe.
Uchaze uDywili njengomthunywa obezinikele kwiANC obethandwa kwaye ehlonitshiwe ngabahlali.Ubongoze uluntu ekubeni lungazixhalisi koko zeluyokuvotela lo mbutho kwiveki ezayo.
“Kwizixholoxholo ebesinazo ngaphakathi embuthweni malunga noluhlu lwamagama abagqatswa akukhange nakanye kubekho isiganeko esilolu hlobo kwiWadi yakhe, kwaye nakanye afumane izigrogriso ezinokusenza ukuba sikholelwe ukuba uDwywili udutyulelwe izenzo zopolitiko. Khange sibenazo iimeko ezinjalo,” utshilo uNgqondi
Izolo, abamelwane, iinkokheli zenkonzo kwakunye neenkokheli zombutho weANC beziyokugxwala emswaneni kwikhaya lakhe.
UMama kaDywili uNonzame ubonakele edidekile kwaye engakholelwa ngokwenzekileyo ziqukuqela iinyembezi ezindleleni. Uxelele iqela lethu i-Independent ukuba unyana wakhe umgqibele ngoMvulo.
Unyana wakhe ebehlala nonkosikazi wakhe kwakunye neentsana zabo ezintathu.
Uchaze unyana wakhe njengobezimisele kwaye ezinikele kumsebenzi wakhe. Ukubulawa kwakhe akukacaci ukuba yintoni, amapolisa asaphanda.
Kusenjalo ivakalise umothuko iANC eMpuma Koloni emva kokugetyengwa kukaNceba Dywili, ongumgqatswa walo mbutho wakwaWadi 4 eBhayi.
Unobhala weANC kweli phondo uOscar Mabuyane umemelele kuluntu ukuba libikele amapolisa ngabo baceba amayelekenqe okubulala amalungu alo mbutho.
“Kunzima ukuwubeka lo mba emagxeni amapolisa kuphela, babe abenzi bobu bubi besaziwa luluntu.”
Lo mbutho uthumele umyalezo wovelwano kumalungu osapho lakwaDywili. “Sivelana nosapho, nezalamane zakhe. Umothuko abawufumeneyo ngesi siganeko, ngumothuko osifumene sonke singumbutho,” utshilo uMabuyane.
OkaMabuyane utyelele olu sapho ngenjinkalanga yayizolo, ngeliyokugxwala emswaneni emva kokuwa kwalo mfo wakwaDywili.
isibhalo@inl.co.za
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023