Kufuniswa ngababulele abaqhubi beebhasi kuGatyana

Amapolisa akuGatyana amanxada-nxada ebongoza kulowo unokubano lwazi malunga nokubulawa kwamadoda amabini angabaqhubi beebhasi kwidolophu yakuGatyana.

La madoda mabini, omnye kuwo unamashumi amathathu anesine (34) ubudala, logama omnye enamashumi amathathu anesithandathu (36). 

Kuvakala ukuba badutyulwe ebusuku ngethuba bengena emnyango besuka empangelweni.

“La maxhoba angabaqhubi beebhasi zabucala kula mmandla. Adutyulwe xa kanye engena emnyango kwigumbi lomnye ngethuba ebuya empangelweni emva kwentsimbi yeshumi ebusuku. Eli lincinci ixhoba libhubhe ngoko nangoko logama elinye libhubhele kwindlela eya esibhedlele.” sitshilo isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha.

Uthi oyena nobangela wokubulawa kwala madoda mabini ngaxesha linye usaphandwa ngamapolisa, nanjengoko besakhangelana nabenzi bobubi obo.

UManatha ucela nabani na onokuba nolwazi ngesi sehlo okanye lowo wenze oku atsalele kumapolisa ala mmandla ku- 047 499 6200.