Iqela lamapolisa ajongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye nawoLwaphulo-mthetho lwezeSondo (FCS) eGqeberha licela uncedo kuluntu ekufumaneni umrhanelwa ofunwa ngezityholo zodlwengulo olwenzeka ngentseni yomhla we19 kweyeDwarha 2024 eMissionvale.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uCaptain Sandra Janse Van Rensburg, kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanywe ngasentla malunga nentsimbi ye-01:30, ummangali (35) ebesekhayeni lakhe eGG Grounds, eMissionvale.
“Uthe esalele weva ingxolo endlini. Kungene abarhanelwa ababini endlini, bafuna iifowuni ngenkani. Ummangali udlwengulwe ngomnye wabarhanelwa,” utshilo uJanse Van Rensburg.
Ityala lokuphanga indlu kunye nokudlwengula livulwe kwisikhululo samapolisa eAlgoa Park, kwaye uphando lusaqhuba.
Imifanekiso yaba barhanelwa yenziwe ngokwengcaciso yexhoba ngendlela abarhanelwa ababukeka ngayo (identikit).
Nabani na onolwazi olunokunceda ekufumaneni abarhanelwa uyacelwa ukuba atsalele umcuphi wetyala uDetective Warrant Officer Thabang Shilajoe ku-071 475 2310 okanye uCrime Stop ku-0860010111 okanye atyelele isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika