Kufuniswa ngendoda elahlekileyo eTinarha

Amapolisa aseTinarha abongoza uncedo kubahlali ekubeni abakhangelise uGuoyong Fan (42) olahlekileyo.

UFan wagqityelwa ukubonwa ngasebenza nabo ngeCawa umhla weshumi kwisitalato iCape Road, eTinarha.

UFan ubude bakhe bukwi-1.6 yeemitha, unenwele ezincinci ezimnyama.

Amapolisa athi, onolwazi ngale ndoda nowayekhe wayithi tshe makeze ngaphambili emapoliseni, okanye atsalele kumcuphi ophanda ngeli tyala, uWarrant Officer Wilfred Swartbooi kwezi nombolo 073 768 4308 okanye 041 996 3438.