Kufuniswa ngendoda ephazamisekileyo

Usapho lakwaNonzinyana eQhorha, eDutywa, kusa luhleli lulindele ukuba unyana walo uMkhululi angene emnyango, oku kuza emva kokuba uMkhululi ethe kwasa edukile kowabo ngoMgqibelo esisuka kuwo.

UMkhululi, 45, usebenza njengomqhubi wezithuthi kwiilali zaseQhorha naseGwadana ukuya edolophini eDutywa.

Ngokokutsho kukamama wakhe uNothathile Nonzinyana kwiSolezwe, uMkhululi ungumntu apha omane ukuphazamiseka ngokwasengqondweni. Uthi oko kodwa akuye kuthathe xesha lide iba yinto nje yeentsuku ezimbini aphinde abe ngcono, abuyele emsebenzini.

“Asihlelanga sasimsile kubantu abasebenzisa amayeza esiXhosa, ngawo ke amenza ngcono kwaye neepilisi zasekliniki unazo, sasimse macala ukuqalwa kwakhe yile nto yokuphazamiseka kwakhe. Uye ke athomalale xa sele esebenzisa amayeza side sibe nethemba lokuba iphelile le nto yokuphazamiseka kwakhe. Ngoku le yokulahleka isothusile kwaye ndihleli exhaleni andifun’ ukuxoka,” utshilo umama wakhe uNothathile.

Isithethi sosapho, uSilulami Nonzinyana, uthi abalali kukuduka kukamfo wabo nekuse engekho ekhayeni ngoMgqibelo. Uthi oko waba ngumntu owaqalwa kukuphazamiseka engqondweni zange walahleka, uyaqala ukulahleka uMkhululi.

Usapho luvule ityala lomntu olahlekileyo kwisikhululo samapolisa eDutywa. USilulami uthi akukabikho mkhondo nangona nje ebefumene umnxeba kuluntu ukuba kufunyenwe umzimba wendoda kwilali yakuMputhi eDutywa, omnye kwathwa ufunyenwe eNgqamakhwe kodwa ingenguwo owabo.

Uthi oku kumphethe kakubi kakhulu, sebenqwenela ukuba afumaneke. Uthi amahlathi onke aseDutywa naseGcuwa bakhangele kodwa babuya nelize.