Kufuniswa ngexhego eliduke eQonce

 

Lixhego elinamashumi asixhenxe anesibhozo ubudala (78) lelali yaseTamara eQonce elisadukileyo nelingekabhaqwa emva kokunyamalala kwikhaya lalo ngomhla wesithathu kule sikuyo inyanga.

 

Utat’ uSipho Mnyani ugqityelwe ngabahlali bembona ezihambela kwilali yakhe kuLwesithathu  odlulileyo,  akazange aphinde abe uyabonakala de kube ngoku.

UKapteni Siphokazi Mawisa udiza ukuba iinzame ziyenziwa zokukhangelwa kwexhego kodwa kusabuywa nelize okwangoku.

 

UMawisa ukwathi bayakhangela nakumahlathi akufutshane neelali zakhe. Ixhego ligqityelwe linxibe umntla kwakunye nomzantsi  onemibala ngemibala  neeteki ezigreyi.


UMnyani kuvakala ukuba uphazamisekile ngokwasengqondweni. Amapolisa ayabongoza nabani na ombonileyo atsalele amapolisa aseZwelitsha.