Kufuniswa ngexhego elilahlekileyo eBethelsdorp

Amapolisa acela uncedo eluntwini ekufumaneni uAlfred de Klerk olahlekileyo. Umfanekiso: SAPS

Abacuphi besikhululo samapolisa eBethelsdorp bakhangela uAlfred de Klerk oneminyaka engama76 nowalahleke ngoMvulo we15 kweyeKhala ka2024.

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yeshumi kusasa ngalo mhla ukhankanyiweyo, uAlfred de Klerk, ohlala kwisitalato iShaheed, e-Extension 36, eMalabar, wayishiya indawo ahlala kuyo wathi uya kutyelela udade wabo eSchauderville.

Kuthiwa akazange afike kwadade wabo, kwaye naye akazange abuyele ekhaya.

Ngexesha lokuduka kwakhe wayenxibe ibhulukhwe emnyama, ibhatyi ekhrimu, izihlangu ezimnyama, nomnqwazi omnyama. Intsapho yakhe yamkhangela kodwa ayizange imfumane.

Nabani na onolwazi onokunceda ekufumaneni eli xhego uyacelwa ukuba aqhagamshelane nomcuphi ophethe eli tyala, uDetective Warrant Officer Isaac Mitchell ku-074 421 0384 okanye iCrime Stop ku-0860010111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane okanye iMySAPS App.