Amapolisa aseDimbaza ngaseQonce abongoza uncedo kuluntu ekubeni luncedisane nabo malunga nomzimba wendoda epha kumashumi amathathu ngeminyaka ubudala eyagilwa yimoto yabhubha ngoko nangoko kwindawo leyo yexhwayelo ngomhla wesithoba kwinyanga ephelileyo eyeKhala. Ngokwengxelo yamapolisa le ndoda yagilwa kwindlela uR63 phakathi kweQonce kwakunye neDimbaza kungorhatya.
UKapteni Siphokazi Mawisa uthi, uphando lwaye lwenziwa ngamapolisa kodwa zange aphumelele.
“Ngethuba wayebhaqwa ngamapolisa lo mzimba ngoku sele ebhubhile wayenxibe isikipha sombutho olawulayo iANC, kwakunye nebhlukhwe emnyama. Nawo umnyama ngokwebala umzimba. Ityala lokubulala ngokungenanjongo amapolisa alivula” utshilo uMawisa
Kuyabongozwa ukuba nabani na onokubanolwazi ngalo mzimba nonesihlobo esalahlekayo eze ngaphambili okanye atsalele kumcuphi wetyala uKonstable Luxolo Dlabantu wamapolisa aseQonce kwezinombolo: 043 6040 100 okanye ku076 168 429
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike