Yititshalakazi egama linguLulama Groom wesikolo iMxhaka Senior Primary School edutyulwe yabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo ngethuba ehlaselwa yindoda engaziwayo nesuke yathi vumbu yathulula idubula.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo, ithi, uGroom (56) udutyulwe ngentsimbi yesibhozo kusasa ngoMvulo kule veki kwindlela uR61 kude kufuphi nelali iMdlankomo eLibode.
Ingxelo yamaPolisa iqhuba ithi, uGroom ebesothula umntu ebemkhwelisile kwimoto yakhe nosebenza njengotitshala ngethuba ehlaselwa nalapho kuthe vumbu umrhanelwa othe wadubula entloko kuGroom esekwisitulo sakhe sokuqhuba.
UGroom ufunyenwe enamanxeba asixhenxe okudutyulwa kwaye kwafunyanwa namakhoba amabini eembumbulu kwindawo yexhwayelo.
Okwangoku akukabanjwa mntu malunga nesi sehlo. AmaPolisa ayabongoza ekubeni lowo unokuthi abenolwazi malunga nesi sehlo atsalele abecuphi baseLibode uDetective Warrant Officer Mtimba ku0714752181 okanye uDetective Sergeant Bhodoza ku0823026416 kungenjalo ku0860010111. Othe wafowuna esiza nolwazi uza kukhuseleka.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro