Kufuniswa ngomfundi onyamaleleyo waseGcuwa!

Kufuniswa ngaye uThandazile Asive Mhlamanzana wakuNdabakazi eGcuwa. UMFANEKISO: EC SAPS

Yintwazana eneshumi elinesibhozo (18) egama linguThandazile Asive Mhlamanzana yakwilali iLengeni kuNdabakazi esele iyiveki yesibini ingaziwa apho ikhoyo lusapho layo.

UThandazile ugqityelwe ukubonwa ngomhla we25 kwinyanga ephelileyo uOktobha ekowabo eLengeni.

Ngokwengxelo ephuma kuLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ithi, le ntwazana ikhangeliwe ayafumaneka, kodwa nophando lusaqhuba.

AmaPolisa abongoza nabani na onokubanolwazi ancedisane nawo ukuze abuyele ekhaya uThandazile, ngokuthi atsalele uDetective Sergeant Pilani Tase wesikhululo saseGcuwa ku-071 475 2539/08600 10111.