Kufunyenwe umzimba wendoda engaziwayo ugqunywe ngesanti elunxwemeni lweTelle River, ePalmietfontein, kwisithili saseJoe Gqabi ngeCawa.
Abecuphi basePalmietfontein bacela uncedo lwabahlali ukuze bafumane usapho lwale ndoda, nayo ibenegama, nanjengoko ngoku ingekaziwa ukuba ngubani na.
Ingxelo ithi umalusi nenja yakhe eboluse iinkomo ngethuba ebona lo mzimba, emva kokuqhaphela ukuba inja yakhe itsala impahla eyogqunywe yisanti, kanti ngumzimba womntu ongasekhoyo.
Umzimba ufunyenwe wogqunywe ngesanti, kwaye ubonakalisa iimpawu zokonakala.
Ingxelo iqhuba ithi, le ndoda yayinxibe ijezi enevi, ibhulukhwe emnyama kunye namaquza amnyama okusebenza.
Amapolisa acela uncedo nakubani na onokuthi awancedise ekufaniseni lo mzimba okanye abenolwazi ngokubhubha kwale ndoda, ukuba aqhakamshelane nomphandi uDetective Sergeant Gabuza ku-051 611 1909/071 050 8721.
Ukanti uluntu olunokuba nolwazi luyacelwa ukuba lutsalele umnxeba inombolo yamapolisa ethi 08600 10111, kungenjalo lutyelele isikhululo samapolisa esikufutshane nalo.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates