Kufunwa ababulele amanina asePosini

Amapolisa aseMpuma Koloni afunisa ngabarhanelwa abangaziwayo abadubule babulala amakhosikazi amathathu aphakathi kweminyaka engama30 ukuya kuma37 ubudala ezelwe nebingabasebenzi bePosi yaseFlagstaff, ngosuku olulandelayo kwaphangwa iPosi.

Ingxelo ephuma kuWO Majola Nkohli ithi la maxhoba mathathu adutyulwe ngoMvulo kwiveki ephelileyo kwilali iJaca eFlagstaff edutyulwa ngabarhanelwa abe behamba ngemoto ebomvu ngokombala.

Esi sithathu samanina sibhubhe kwangoko.

UNkohli ubongoza uluntu lusebenzisane namapolisa njengoko esithi le moto imbala ubomvu ebihamba abarhanelwa ayikaziwa ukuba ibiluhlobonina kwaye nabarhanelwa abakabanjwa. Ityala lokubulala livuliwe kwaye uphando luyaqhubekeka.

Kusenjalo ngoLwesibini emva kwesi sehlo, kuvakala ukuba kungene amadoda amathathu phambi kwentsimbi yesibhozo kule Posi yaseFlagstaff nafika akhomba abasebenzi ngemipu emva koko athatha isixa semali esingachazwanga kwakunye neefowuni zabasebenzi.

UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uLt Gen Nomthetheli Mene ulikhuphe kwakwiveki ephelileyo igqiza elikhethekileyo eliphanda ngeli tyala. UMene ukwabongoze nabahlali bala mmandla ekubeni basebenzisane namapolisa bachaze kwanto ayaziyo enokuthi incede ngomkhondo.

Lowo unolwazi uyabongozwa ukuba atsalele umcuphi ocupha ngala matyala mabini, elokubulala nelokuphanga kwezi nombolo: 0823017762 okanye ku08600 1011