Kufunwa abarhanelwa kwityala lokubulala eFort Hare

Abarhanelwa abathathu abafunwa ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Amapolisa acela uncedo kuluntu ekukhangeleni abarhanelwa abathathu abayayanyaniswa nesiganeko sokubulala unogada kaSekela Ngqonyela weYunivesithi yaseFort Hare.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa kuzwelonke, uAthlenda Mathe, amapolisa afumene amaphepha amathathu okuba kubanjwe uBafana Chiliza (24), uNkosiyazi ‘Dipopoz’ Maphumulo (28) kwakunye noSiphiwo ‘Spijojo’ Jeyane (35). Esi sithathu kukholelwa ukuba sizimele phakathi kwamaphondo aKwaZulu-Natal kunye neMpuma Koloni.

“Esi sithathu sifunwa ngokubulala uMboneli Vesele owayeqeshwe yiYunivesithi yaseFort Hare njengonogada weSekela Ngqonyela.

“Ngomhla wesithandathu kuJanuwari ka2023, uVesele wayehleli kwisithuthi sakhe ngaphandle kwendlu kaSekela Ngqonyela eMpuma Koloni ngethuba wagetyengwa ngabarhanelwa abathathu ababeqhuba isithuthi esimbala umaruni.

“UVesele ufumene amanxeba amaninzi okudutyulwa emzimbeni kwaye kwaqinisekiswa ukuba ubhubhile kwindawo yexhwayelo. Ityala lokubulala lavulwa kwisikhululo samapolisa eDikeni ukuze kuphandwe,” utshilo uMathe.

Uphando olunzulu olwenziwa yiNational Task Team ephanda amatyala anxulumene nezopolitiko luveze iziphumo ezincumisayo xa libamba abarhanelwa abalishumi kubandakanywa nabasebenzi abathathu baseyunivesithi ekurhaneleka ukuba bangoongqondongqondo kweli yelenqe.

Kuvakala ukuba abarhanelwa baququzelele yonke loo nto ukuze banikwe iithenda zokhuseleko. Abamangalelwa abalishumi basaquqa enkundleni.

Amapolisa acela nabani na onokuba nolwazi ngendawo abakhoyo abarhanelwa ukuba aqhagamshelane nabecuphi abaphanda eli tyala, uWarrant Officer Nkosi ku-082 557 5789, uSergeant Mokoena ku-081 851 7758 kunye noSergeant Khorommbi ku-063 695 8590.

Abo banqwenela ukuhlala bengaziwa xa benikezela ngolwazi emapoliseni, bayacetyiswa ukuba bafake ezifowunini iMySAPS App baze babelane ngolwazi ngaphandle kokuchaza amagama abo.