Kufunwa abasasazi eBhayi, eKapa naseRhawutini

UKaunda Ntunja weSuperSport UMFANEKISO: Gallo Images

Uyafuna ukuba ngumsasazi weSuperSport? AbakwaSuperSport bakhangela wena kanye mntu onoluvo oluninzi ngomdlalo wombhoxo.

ISuperSport ikhangela abasasazi abatsha kraca abathandathu bombhoxo, ababini abantetho ilulwimi lwesiNgesi, ababini abantetho ilulwimi lweAfrikaans kwakunye nababini abathetha ulwimi lwesiXhosa.
Abathandathu abakhethiweyo bazakuba ngamazwi amatsha kwiSuperSport Rugby Challenge , nezakuqala ngowe-22/23 apha kuTshazimpuzi. 
Kodwa ke phambi kokuba unikwe ikhontrakti kwaye waziswe kubanye boogxa bakho, nabaquka igqala uHugh Bladen, uKaunda Ntunja obeyi-2016 SAB Sports Awards Commentator of the Year noHennie Koorten – kuzakufuneka ufinyeze imikhono wenze ezibukwayo kuvavanyo.
Uvavanyo lokuqala (auditions) luza kubanjelwa eBhayi ngoMvulo, umhla we-3 kuTshazimpuzi eSt George’s Park Cricket Stadium.
Abo banqwenayo nabo eKapa, elabo ityeli likwanamhlanje uMvulo, umhla we-3 kuTshazimpuzi eNewlands Rugby Stadium, ze iRhawuti lixhamle kweli cham ngoLwesihlanu umhla we-7 kuTshazimpuzi eSuperSport Lodge eSuperSport HQ eRandburg.
Olu vavanyo lokusasaza luvuleleke kwabo beli nabangaphandle abahlala kweli ngokusemthethweni abangaphezulu kwe-18 leminyaka.
Abo bakhethiweyo kwezi ndawo zintathu bayakuqubisana kumagqibela-nkqoyi ayakubanjwa ngowe-8 kuTshazimpuzi eSandton City Mall nalapho bazakuphungulwa ukuya kwishumi elinesibini. Abo balishumi elinesibini baphezulu bazakuxhwithana bodwa de kushiyeke isithandathu eso sifunekayo. Inkqubo yee-auditions izakuqala ngentsimbi yesithoba kusasa ukuya kweyesithandathu malanga.