Kufunwa ophumelele iLotto (R100 million) ongekabangi imali yakhe

Inkampani ejongene neLotto kweli loMzantsi Afrika, i-Ithuba National Lottery ikhangela umntu ophumelele ikhulu lezigidi zeerandi (R100 million) emva kokuba lo mntu engakhange eze ngaphambili ukuza kufuna imali yakhe.

Ophumeleleyo uphumelele emva kokuba ekhethe onke amanani amathandathu achanekileyo, amanani abhengezwe ngoMgqibelo, umhla wesithathu ka-Agasti 2024. Kuthiwa itikiti eliphumeleleyo lithengwe kwivenkile yakwaPick n Pay kwiphondo laseGauteng.

Umphathi weIthuba uCharmine Mabuza uthi, “Le mpumelelo yeyesibini ngobukhulu kwimbali yeLotto. Sivuya kakhulu kwaye asinakulinda ukudibana nomntu ophumeleleyo onethamsanqa.

“Sibongoza wonke umntu othenge amatikiti kwiivenkile zakwaPick n Pay eGauteng ukuba ajonge amatikiti ngokukhawuleza. Eli inokuba lelona thuba lakho likhulu ebomini bakho.”

UMabuza ukhumbuza abantu ukuba amatikiti asemthethweni ukuya kutsho kunyaka ukusukela kumhla wokubhengezwa kwamanani.

Le yimali yeLotto yesibini ephezulu ephunyelelweyo, eyona mali iphezulu yeLotto ibikwikhulu elineshumi lezigidi zeerandi (R110 million) ephunyelelwe ngabantu abane ngo2018.