Kufunyenwe imveku eMfuleni

Kubhaqwe imveku esandulukuzalwa ilahlwe kwindawo yokulahla inkunkuma. UMFANEKISO: Phando Jikelo

Kapa: Akhangela naphantsi kwezicithi amapolisa aseKapa unina wemveku elahlwe kwidama elikufutshane nesikolo samabanga aphakamileyo iBardale eMfuleni.

NgoLwesibini, umntu ophila ngokuqokelela inkunkuma ezakusetyenziswa kwakhona, udibene nomzimba wemveku esandula kuzalwa kweli dama nekulahlwa kulo inkukuma ngabanye abantu.

Ingxelo zidiza ukuba ekuseni ngezithuba zentsimbi yesithandathu, kukho inenekazi elibonwe liyokulahla into ebisebhakethini kwela dama kwaye labonwa lihlamba ibhakethe elo phambi kokuba lihambe lisingise ngakwingingqi iExtention 6 kwaseMfuleni.

Ozibonele ngamehlo le mveku, nozichaze njengoMdlane uthi: “Le mveku ibonwe yindoda yebala eqokelela inkunkuma iyithengise, iye yasibiza, sithe sakufika sabona umbono ombi wemveku ekubonakala ukuba ixholwe zintaka apha emehlweni nomzinjana lo.”

Ngokwenkangeleko, le mveku iyinkwenkwe ibonakala ngathi ityiwe nazimpuku apha emzimbeni. Othethela amapolisa ephondweni uColonel Andre Traut uthi, “Amapolisa avule idokethi lokuphanda ngesi siganeko sokulahlwa kwale mveku.” Uthi amapolisa acela nabani na onolwazi olungakhokelela ekubanjweni komenzi axelele amapolisa akufutshane naye.