Kufunyenwe usana kumgqomo wenkunkuma

Kapa:

AMAPOLISA aseKapa aphanda malunga nokufunyanwa kosana kumgqomo wenkunkuma kwilokishi yaseStrand. Ilokishi yaseLwandle yothuswe sisithwakumbe sokufunyanwa kosana emgqomeni wenkunkuma ngethuba, abantu bezikhangelela izinto abanokuzithengisa phakathi kulo mgqomo.

Othethela amapolisa eKapa uSajini Noloyiso Rwexana uthi: “Amapolisa aqhuba uphando ngesi siganeko emva kokufunyanwa kosana oluqikelelwa kubudala benyanga ezintathu. Olu sana lufunyenwe eplastikini luqinile kucaca ukuba belufakwe kwisikhenkcezisi phambi kokuba luyokulahlwa kula mgqomo.”

URwexana uthi bacela nabani na onolwazi olungakhokelela ekubanjweni ngesi senzo aye emapoliseni.

Ukanti uceba wakwaWadi 86 uJongudumo Maxheke, uthi zinqongophele kakhulu iziganeko zokulahlwa kwabantwana. “Wakhe wenzeka umhlola obufana nalo apho kwakulahlwe usana kufutshane necawe yaseWisile kodwa kwakukudala kakhulu. Le yenzekileyo yothuse wonke umhlali wale ngingqi yaseLwandle.”

UMaxheke ubongoza abantu abaneentsana abangazifuniyo bangazilahli. “Kubhetele amshiye kwiziko lezempilo okanye ecaleni komzi onabantu, apho umntwana aza kuthathwa afunelwe uncedo. Ngumkhuba ombi kakhulu lo wokulahlwa kwabantwana kwaye awamkelekanga.”