Kufunyewne imizimba emibini kwiindonga sele yonakele

ALISHUMI elinanye amadoda kwakunye namakhwenkwe abanjiweyo eMthatha aphakathi kwe17 ukuya kuma30 eminyaka ubudala, bebanjelwa ukuhlaba babulale amadoda amabini amadala kwilali yakuKambi eMthatha. 


Oku kwenzeke ngoLwesibini kule veki ngentsimbi yesithathu emva kwemini.


Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Dineo Koena, abarhanelwa babanjwe emva kokuba kulahleke la madoda mabini into engangeeveki ezimbini nawagqityelwa ephuma kwindawo yentselo kwinyanga ephelileyo.


Amaxhoba agqityelwa ehamba nomnye wabarhanelwa ababanjiweyo.


UKoena uthi ngokophando labecuphi bakwazile ukubamba abarhanelwa nabaye bakhomba apho imizimba yamaxhoba ayingcwabe khona.


“Le mizimba yamaxhoba nebisele ikwimeko embi kakhulu ifunyenwe igrunjelwe kwiindonga kule lali.

Unobangela wokubulawa kwamaxhoba awukaziwa nanjengoko kusaphandwa abarhanelwa,” utshilo Koena.

UMkomishinala wengingqi yaseMthatha uNjengele David Mhlangenqaba Kanuka uthi baza kuqinisekisa ukuba abayifumani ibheyile abarhanelwa.

UKanuka ukwancome oogxa bakhe abasebenza ngokuzinikela kumsebenzi wabo.

Abarhanelwa babekwe ityala lokubulala. Kulindeleke ukuba bavele kwinkundla yamatyala eMthatha ngoLwesihlanu.