Kugcwele iindladiya zeendlavini eNyanga

INYANGA isankqenkqeza phambili ngezinga lokubulala nanjengoko kushicilelwe amatyala okubulala angama308 phakathi koTshazimpuzi walo nyaka uphelileyo ukuza kutsho kweyoKwindla kulo nyaka.

Oku kuvele ngelixa uMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele ekhupha iiNkcukacha zobuNdlobongela zikaZwelonke ePalamente ngoLwesibini.

Kwande ngamashumi amabini anesixhenxe ukubulawa kwabantu kule ngingqi nangomyinge we9.6% xa kuthelekiswa nalo nyakamali udlulileyo.

Kwindawo yesibini ngezinga lokubulala kulandela isikhululo sasePhilippi East. Kushicilelwe amatyala okubulala angama205. IPhilippi ngummelwane weNyanga. Lo nto ithethe ukuba kubulewe abantu abangama-513 kwezi ndawo kwisithuba esingaphantsi konyaka.

IGugulethu, iKhayelitsha neDelft nazo zikuluhlu lwezikhululo ezilishumi ezinkqenkqeza phambili ngobundlobongela kwilizwe liphela.

INtshona Koloni inezikhululo ezilishumi kwezingamashumi amathathu ezihamba phambili ngokubulala.

Kumatyala angama973 wokubulala ashicilelwe kwilizwe lonke, iKapa inelona zinga liphezulu elingu808.

UCele wothuse iPalamente xa eveza unobangela wokonyuka kobundlobongela. Uthe yimini embi kakhulu kuye le aza kubhengeza ezi nkcukacha.

“Ukwenyuka kwezinga lobundlobongela kubangelwa kukwehla kwenani lamapolisa. Asihambi ngokwesiqhelo sezizwe ezimanyeneyo esithi makubekho ipolisa elinye eligada abantu abangama220. Ipolisa elinye ligada inani eliphinda phindeneyo kunelo,” utshilo.

Ngonyakamali ka2009/10, lathotywa izinga lobundlobongela ukusuka kwiziganeko ezingama18000 ukuya kwezingama16000. Namhlanje lime kwi20000, utshilo uCele.

“Izinga lokubulala lenyukile kule minyaka isixhenxe ilandelelana ukusuka kwi15,554 ngo2011/2012 ukuya kwi20,336 ngo2017/2018,” utshilo.

Uthe neziganeko zokudubulana koonoteksi zinegalelo ekonyuseni izinga lokubulala. Kushicilelwe amatyala angama45 wokubhubha koonoteksi kweli phondo.

Ephefumlela I’solezwe malunga nezi nkcukacha zihlasimlisa umzimba, uNobhala wamaPolisa okuHlala waseNyanga uDumisani Qwebe uthe: “Iyasihlukumeza le meko siphila phantsi kwayo. Ayiyonto entle ukuba indawo yaziwe ngokubulala.”

Uthe ingxaki yaseNyanga ngamatyotyombe amaninzi avuka engceni. “ISine, Siyanyanzela, iSiyahlala neRamaphosa ezivuka ngoku. Zonke ezo ndawo azinazo iidilesi. Kulapho iziganeko ezininzi zobundlobongela zenzeka khona.”

UQwebe ungqinelene noCele ukuba iziganeko zoonoteksi zinegalelo. “Besihleli intlanganiso nabo ngomhla we27 kule nyanga iphelileyo. Bavuma ukuba nyani banalo igalelo. Masikhumbule ukuba kubulewe abantu abangama45 kwixeshana elincinci kubo,” utshilo.

UQwebe uthe baza kuhlala phantsi neenkokheli zabahlali noSanco kunye namabandla ukuze kuzanywe isisombululo. “Siza kubacela ukuba bazame konke okusemandleni wabo babuyisele abantu bakuthi kundalashe. Sifuna kuphindelwe kwela xesha umntu wayemthatha njengommelwane wonke umntu,” utshilo.

UCele uthe kubulawa abantu abayi57 eMzantsi Afrika qho ngosuku.