Kugqugqiswa izikrelemnqa eMthatha

Umfanekiso ogciniweyo

Amapolisa aseMthatha abambe avalela abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithoba ukuya kumashumi amathathu ubudala kwindawo yaseChris Hani park kwaB eMthatha ngentseni yanamhlanje. 

Amapolisa ecandelo lezobuntlola necandelo K9 agaleleleke kule ndlu ebekuhlala kuyo la madoda engabhungisanga, emveni kogqogqo afumene iipilisi eziluhlobo lweMandrax eziyi-766, oonomyayi abangamashumi amabini anesithathu, iimela ezilishumi nesibhozo kunye nemali ezinkozo eyiR36 000. 

Ngokwengxelo yamapolisa zizonke ezizinto zidityanisiwe zixabisa imali eyiR266 000. 

Amapolisa ebelandela iinkcukacha ngalo mkhuba. 

Abarhanelwa kulindeleke bavele enkundleni yamatyala ngoMvulo weveki ezayo bejongene nezityholo zokufunyanwa neziyobisi.