Kugwetywe inkonde ena80 eyadlwengula intombi yayo ngo1978

IGunyabantu lezoTshutshiso kwingingqi yaseMthatha lithi ukugwetywa kwexhego eligama linguNyamekile Alfred Bhenge (80) emva kokuba efunyenwe yinkundla enetyala lokudlwengula intombi yalo enama55 ubudala, likholelwa ukuba iya kuthi ibe sisifundo nakwabaninzi.

Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi oku kwakuthi kusebenze kwaye kukhuthaze nabanye abangamaxhoba odlwengulo ekubeni beze ngaphambili, bamangale nokuba ityala leenzeka kwiminyaka eyadlulayo.

Igama lexhego lichazwe ngokwemvume yexhoba nanjengoko lona lingasasebenzisi zinkcukacha zikaBhenge.

Ingxelo ephuma kwiNPA ithi ixhego liqale ukudlwengula intombi yalo eliyizalayo iseneminyaka elishumi elinesine (14) ngo1978 de yaba ngu1984.

UBhenge kwakunye nentombi yakhe babehlala bonke kwilokishi yaseNgangelizwe eMthatha. Umama wexhoba owayengunkosikazi kaBhenge babe sele bohlukene ngoko, inkosikazi isebenza eThekwini emakhitshini.

Ixhoba lade laba lifumana umntwana oyinkwenkwe ngo1983 ngenxa yokudlwengulwa ngutata walo nosele eyindoda endala ena37.

Emva kokuba libelekile ixhoba, labaleka laya eGoli layokuhlala khona. Ingxelo iqhuba ithi ixhoba ligqibe ekubeni livule ityala emva kokubona ukuba ugwetyiwe uBob Hewitt owayengumdlali kwanomqeqeshi wentenetya. UHewitt waphatha gadalala abantwana abangamantombazana ngeminyaka yoo1980-1990 kodwa ukwazile ukugwetywa ngo2015.

Amapolisa aseGoli, eli tyala alithumela eMthatha apho kuye kwenziwa khona uphando oluphangaleleyo. UBhenge wabanjwa ngeyeKhala kulo nyaka emva kokuba evume ityala.

Ugwetywe iminyaka emithandathu engaphakathi entolongweni. UTyali uthi ngenxa yeminyaka asele enayo kwakunye nempilo.

Ingxelo iqhuba ithi uBhenge kwinkundla wadiza ukuba, wayekwenza oku xa enxilile ecinga ukuba ngamanye amankazana wakhe.

Ixhoba enkundleni esele lizimele nelingusomashishini lithe asoze limxolele lo tata, kwaye lisithi alifuni nto yakwenza nosapho lonke lalo tata kuba kusebuhlungu kuye.