Kugwetywe umninawa ngokubulala umkhuluwa

Inkundla yengingqi yaseNgcobo imgwebe iminyaka elishumi elinesihlanu uYanga Tolbadi emva kokumfumana enetyala lokubulala ubhuti wakhe omdala ogama linguKunene Tolbadi.

Isehlo sokubulawa kukaKunene senzeka kwinyanga yeThupha nyakenye. Iingxelo zithi uYanga waba uboya kumzi abamelene nawo kwilokishi iMasonwabe eNgcobo.

Kwathi xa engabuboni uboya obo wayebubile warhanela ukuba nguKunene obubileyo.

UKunene wakhanyela ngethuba ebuzwa nguYanga esithi akazani naboya yena.

Emva kokungavisisani, uYanga warhuthula imela wahlaba uKunene owabhubha ngoko nangoko.

Emva kweli sikizi, uYanga waye wabanjwa. Kwiveki ephelileyo uye wagwetywa kule nkundla yaseNgcobo.