Umkomishinala wamapolisa ephondweni uLieutenant General Celiwe Binta usikhalimele kabukhali isenzo sokuhlaselwa kwamapolisa amabini eBhayi.
Iintetha zikaBinta zilandela emva kokuba kuthe kwahlaselwa amapolisa amabini abo eHelenvale eBhayi kutshanje.
“Nabani na ohlasela amapolisa okanye obulala amapolisa uzakujongana nengalo yomthetho. Amapolisa awazuyimela into yokuphatheka kakubi kwabo zizaphuli mthetho ingakumbi xa besemsebenzini,” utshilo uBinta.
Iingxelo eziphuma emapoliseni zithi, oku kwenzeke ngethuba amapolisa ebesemsebenzini ekwiphulo labo likagqogqa kwisitalato iLeith eHelenvale. Iingxelo zithi, amapolisa amabini adutyulwe ngethuba ephuma evenini egqogqa umrhanelwa. Akukhange konzakale mntu kwesi sehlo, kwaye umrhanelwa uye wabaleka.
UBinta uthi, amapolisa mawangaphazanyiswa xa esemsebenzini, abe ekwakhusela uluntu kwiindawo zokuhlala. Weleke ngelithi, amapolisa azakujongana ngqo nabo bathe gqolo ukwenza ezi zehlo.
Eli phulo likagqogqa beliqale kwinyanga ephelileyo, kwaye ngokwengxelo sele umahluko ubonakala, kwaye nabenzi bobubi sele bebanjiwe njengoko kubhaqwe imipu kwakunye neembumbulu.
Ummandla waseHelenvale, kumantla eBhayi, waziwa ngezehlo zohlaselo ezenziwa ngoonqevu. Baliqela abantu abasele bebhubhile ngenxa yolu hlaselo.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates