Kuhlaselwe umkhenkethi waseSwitzerland eGcuwa

Kubanjwe amadoda amathathu aseGcuwa ebanjwa ngamapolisa ala mmandla emva kokuba bephange indoda engumkhenkethi yelizwe laseSwitzerland.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Jackson Manatha, umkhenkethi uneminyaka engamashumi amahlanu ananye ubudala, ebelele kwenye yeehotele zaseGcuwa ngomhla wesibhozo kule nyanga.

UKapteni Manatha uthi umkhenkethi ugqibe kwelokuba ayokuzifunela into etyiwayo kwivenkile ekufutshane edolophini eGcuwa phambi kokuba alale.

Uthi ngethuba ethatha imali emotweni yakhe emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya, uhlaselwe ngala madoda mathathu amhlaba kumzimba ongentla nalapho bathathe ingxowa enesixa semali esetyenziswa ngamazwe aseYurophu (euro) kwakunye neeDola zaseSwitzerland.

Ngokophando labecuphi, aba barhanelwa bathathu baphakathi kwamashumi amabini anesihlanu, amashumi amabini anesibhozo kwakunye nonamashumi amathathu anesine ubudala, babanjwe kwilali yaseMzantsi eMission eGcuwa.

Yonke imali yamazwe angaphandle yafumaneka kubarhanelwa. Obambele njengenkumanda kwiKlasta yamapolisa aseGcuwa, uKenel Ncedo Ngwendze uwuqhwabele izandla umsebenzi okhawulezileyo wokubanjwa kwabarhanelwa.

Abarhanelwa abathathu abahlasele le ndoda nguAzola Silinga, 32, Lazola Ngwane, 23, kwakunye noLusanda Magobhiyane, 32.

Bavele phambi kweenkundla zamatyala eGcuwa kule veki, abayinikwa ibheyile. Bashiyeke ngaphakathi eziseleni belindele ukuvela kwakhona ngoLwesithathu kwiveki ezayo apho bazakufaka isicelo sebheyile.