Nangona eli ilixesha lolonwabo leKilisimesi kodwa kumanye amakhaya zizijwili kweli phondo leMpuma Koloni ngenxa yemiguyo yamakhwenkwe, oku kuza emva kokuba sele bebathathu abantwana abangamakhwenkwe abathe baphulukana nobomi babo ngeli xesha.
Kwezo ziganeko yinkwenkwe yakuLanganci eCala exatyelweyo egama linguAphelele Masimini (16), nobesenza uGrade 9 eDM Skosana High School, uxatyelwe ngezembe wabhubha ngoLwesihlanu ngethuba amakhwenkwe eguya kwilali engaphesheya eMbewuleni eSigangeni kwaseCala.
I’solezwe lesiXhosa lincokole nelungu losapho uLinda Masimini nozalwa nexhoba nalapho athi oku abakhange bakulindele njengoko bebejonge ukugoduka begodukela ixesha elimnandi lokuhlangana nosapho kukuhle hayi kukubi. Uthi uAphelele nangona eyinkwenkwe kodwa zange wabahlupha futhi bengazange beva sikhalazo ngaye.
“Zange ekhaya kwangenatyala ngoAphelele njengokuba eyinkwenkwe nje, singazange sahlutshwanto nguye ebengumntu othanda ukulungisa iimoto zalapha ekhaya xa enexesha, ibelilishwa nje eli. Oku kona kusilimazile,” utshilo uMasimini.
UMasimini nohlala eGoli njengomphangeli uthi umnxeba wezi ndaba zibuhlungu wafikela kuye kuba kwafownelwa yena ngutata welali ekubulawelwe kuyo umntwana kamama wakhe exelelwa ngomphanga.
Le nkwenkwana usapho luthi lucinga ukumngcwaba kuMgqibelo wale veki umhla wamashumi amathathu. UAphelele ngowesithathu kubantwana abane abangamadodana.
OweKhula Community Development eMpuma Koloni, uPetros Majola, uhlaba ikhwelo ebazalini, kwiinkokheli, kuluntu nakooMasipala ekubeni ivalwe imigubho nemiguyo kuba kwanele. UMajola ubuze umbuzo othi kufuneka kude kufe umntwana kabani?
USodolophu woMasipala weSakhisizwe, uPonoshe, kudala wayalela ukuba mayivalwe imiguyo nangona nje abazali besaqhubekeka nokuyeka abantwana beyenza.
“Noko kundivisa kabuhlungu eyokuba ngasa ndingcwabe iintsana, ibuhlungu into esikuyo bethuna. Ndicela abazali nabahlali baphakame. Ewe mhlambi bakhona abaphakamileyo kwezinye iindawo abahlali, ndithi abo benze njalo mabaqine bangatyhafi umohluko uzakude ubekhona,” utshilo uMajola.
Kusenjalo, kwimpelaveki edlulileyo bekungcwatywa inkwenkwe yaseQugqwala eQonce egama linguAvile Madikane (15) ebisenza uGrade 10 eJali S.S.S, naye othe wabulawa ngamanye amakhwenkwe xa ebephuma esikolweni egqiba ukubhala iLife Science nobeyinxalenye nesi sifihlo uMajola.
Abanye ababuleweyo nguAluve Jaxa obefunda eMzamomhle J.S.S, nobulewe ngamakhwenkwe eelali zaseMgqukhwebe eLady Frere. UAluve uzakube engcwatywa naye kuMgqibelo kule veki umhla wamashumi amathathu (30).
NgoMgqibelo odulileyo bekungcwatywa uAtalia Xoki (16), waseAmabhele High School eDikeni, njengokuba ngosuku olulandelayo kuye kwangcwatywa enye yaseMatatiele nayo ebulewe ngamanye amakhwenkwe.
Ingxelo ithi kubanjwe wamnye umrhanelwa malunga nokuxatyelwa kubulawe uAphelele Masimini.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika