Mthetheleli Mazwai
Abahlali baseLibode neziphaluka bakhalaza ngeekhonteyina edolophini apho kuthengiswa iziyobisi.
Zide zantathu ezi khonteyina ekutyholwa ukuba zisetyenziselwa ukuthengisa iziyobisi eLibode.
Ezi khonteyina, enye yazo imhlophe naluhlaza ngathi ngumva wesithuthi sezigulana, ezimbini ngamatyotyombe amancinci.
Ezi khonteyina zintathu zime ziphakathi kwamasango eeofisi zikamasipala waseNyandeni (NLM) kunye neeofisi zesebe lezekhaya kwisitalato iNomandela Drive.
Kuthiwa baphuma bethontelana abafana namantombazana ilanga lihlab’ umhlaba bezokuthenga iziyobisi kwezi khonteyina.
Ipolisa elisebenza eLibode, uNasiphi Genu welokishi yaseThabo Mbeki uphawule wathi, “Uninzi lwaba bantu batshayayo ngabafana abacheba ingca apha elokishini. Xa bebhatelwe bathatha loo mali bayothenga ngayo iziyobisi kwezi khonteyina, ebusuku baguquke babe zizigebenga baqhekeze neemizi.”
Umhlali uAphinda Ngcwangule yena uthe: “Kubi kakhulu apha eQhanqhu kuba sikufutshane needolophu, bawela nje indlela (R61) bayothenga ukugqiba kwabo bangene elalini kwaye abathengisayo ngabafana balapha elalini.”
UNgcwangule uthi into eyenza bangabanjwa kukuba bazixuba noonoteksi. Wongeza ngelithi kunzima kumapolisa ukwahlula phakathi kwabantu abahlamba iimoto nabathengisa iziyobisi.
Ipolisa elisebenza kwidesika yoluntu kwisikhululo samapolisa eLibode nelingenalo ilungelo lokuthethela abakwantsasana lithe, “Abecuphi bethu babeke iliso elibukhali kwezi khonteyina zintathu, kwaye sele siza kubamba abo bathengisa apho.”
“Silindele ukuba uMasipala waseNyandeni asuse okanye achithe ezi khonteyina zibekwe ngokungekho mthethweni,” liqukumbela latsho ipolisa.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup