Kukhangelwa indoda ekukholelwa ukuba inolwazi ngesithwakumbe saseTsomo

USibusiso William Ndzuzo nowaziwa ngelikaSbu ofunwa ngamapolisa UMFANEKISO : SAPS
AMAPOLISA aseTsomo aphantsi phezulu ekhangela indoda yaseMahlubini egama linguSibusiso William Ndzuzo nowaziwa ngelikaSbu, ekukholelwa ukuba unolwazi olubalulekileyo olunokuthi luncedise kwityala lamakhosikazi amathathu uBuyelwa Malila, 71, Asemahle Mtsorha, 16, kwakunye noAthi Zondi, 17, nababhaqwe sele bebhubhile kwaye bekwimeko embi kumlambo waseMhlahlane emva kweentsuku benyamalelele. 

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo uKapteni Khaya Tonjeni, uSbu ugqityelwe ngomhla wokuqala kule nyanga ngeCawa ngorhatya ngethuba eqhuba imoto ehamba yedwa.

Kukwavakala ukuba uboniwe nangoMvulo kwilali yaseTsojana nelikhaya likamama wakhe. 

UTonjeni uthi imoto kaSbu ibhaqwe ishiywe yodwa kwihlathi lakwaNobhokwe eCofimvaba.

Amapolisa abongoza uncedo eluntwini ekubeni onokuba nolwazi ngokwenzeke kuSbu nokuba uphi, atsalele uKapteni Mtobeli Kambi okanye uConstable Babalwa Mankayi kwisikhululo saseCofimvaba okanye eTsomo.

USbu ugqityelwe ngomhla wesibini ukubonwa kwaye akwaziwa apho akhoyo.