Amapolisa aseNew Brighton akhangela indoda eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26), uSiyamthanda Tshisani, nohlala kwisitalato iNobatana, eNew Brighton elahlekileyo.
Ngokwengxelo yamapolisa, wagqityelwa ukubonwa ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kuCanzibe ka2024 kwivenkile ekwisitalato iNobatana kufutshane nekhaya lakhe.
Isithethi samapolisa uCaptain Andre Beetge uthi usapho lwakhe limchaze njengomntu olahlekile emva kokuba engazange abuyele ekhaya.
Wagqityelwa ukubonwa enxibe ibhulukhwe yejini ebhlowu kunye nehempe ekhaki.
Nabani na onolwazi olunokuthi ancedise amapolisa ekufumaneni le ndoda ilahlekileyo uyabongozwa ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa saseNew Brighton, uDetective Warrant Officer Bernie Nell kule nombolo 081 593 9296 okanye atsalele umnxeba iCrime Stop 08600 10111.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile